IsiXhosa 2nd Language SG P1 May

SENIOR CERTIFICATE EXAMINATION
ISIXHOSA ULWIMI LWESIBINI (L2)
IPHEPHA LOKUQALA (P1)
UHLELO OLUSEMGANGATHWENI (SG)
2014
AMANQAKU: 80
IXESHA: 2 iiyure
Olu viwo lunamaphepha ali-11.
3
Copyright reserved
Please turn over
IsiXhosa Second Language/SG/P1
2
SCE
DBE/2014
IMIYALELO NENGCACISO
1.
Eli phepha linamaCANDELO amaTHATHU, u-A, B, no C.
ICANDELO A:
ICANDELO B:
ICANDELO C:
Uvavanyo lokuqonda
Isishwankathelo
Igrama nokusetyenziswa kolwimi
(35)
(10)
(35)
2.
Abafundi kulindeleke ukuba baphendule YONKE imibuzo.
3.
Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA, uze ukrwele umgca
wakugqiba.
4.
Shiya umgca phakathi kweempendulo zakho.
5.
Bhala ngokuchanekileyo nangokucocekileyo.
6.
Qaphela upelo nokubunjwa kwezivakalisi.
Copyright reserved
Please turn over
IsiXhosa Second Language/SG/P1
3
SCE
DBE/2014
ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA
UMBUZO 1
Funda esi sicatshulwa uze uphendule imibuzo elandelayo.
Unxibelelwano
1
Unxibelelwano bubudlelwane. Abantu abanxibelelanayo ngabantu abahlala
kunye, bafunde kunye okanye bakhonze kunye. Kubalulekile ke ngoko ukuba
abantu abasoloko bekunye mabasoloko benobudlelwane okanye
banxibelelane ngezimvo.
2
Masithathe iinkonzo. Zonke iindidi zabantu ziyadityaniswa ziinkonzo.
Amahlwempu, izityebi, abazali, ulutsha, izifundiswa, bonke aba badibana
benenjongo enye le yokukhonza. Bonke aba bantu banonxibelelwano
ngezenkolo nangezentlalo.
3
Iingxaki ezichaphazela uluntu ngokubanzi, iingxaki ezifana nesifo i-Aids
kumelwe ukuba kuthethwe ngazo pahaha ezinkonzweni. Abantu
banokuphula-phula ngcono xa befundiswa ngabantu ababathembileyo.
Ngaloo ndlela banokutsho basincede kulo mbulala-zwe wesi sifo. Ngaphezulu
inkonzo nganye inemiqathango yendlela amabaziphathe ngayo abantu. Oko
kuziphatha makungabi yinto yakwamkhozi. Abantu mabafundiswe kwiimvaba
ngeemvaba.
4
Xa kukho unxibelelwano phakathi kwabazali nabantwana, abasebenzi,
nabaphathi, abefundisi nebandla, iingxaki ezinje ngokusetyenziswa
kweziyobisi zingaliwa lula zingekondeli. Ingaphela nale ngxaki yabazali
abasoloko bekhala ngabantwana abangenazimilo, nabantwana ababona
abazali abanamaqhinga.
5
Endaweni yokuba isoloko yaba ngumama olwisa utata wekhaya owasoloko
ebuya eqhuba amatakane, ngenye imini nabantwana bangakhe babe
nenxaxheba abayidlalayo ukululeka utata wabo bembonisa. Kaloku xa kukho
unxibelelwano imbeko nentlonipho zisoloko zikho.
6
Intlungu ekhoyo ngoku kukucalulana kwabantu ngokwezinto abazizuzileyo
ebomini. Olu calucalulo lugquba emisebenzini, ezikolweni, ezinkonzweni nkqu
nasekuhlaleni. Intetho yabelungu ethi, 'a person must be self sufficient' ibenze
abantu balahla ubuntu babo obungundoqo woluntu. Bayalibala ukuba
nentetho ethi: 'Umntu ngumntu ngabanye abantu' ayisokuze ijikwe mntu nazii
meko. Ngekhe ijikwe nkqu nayimfundo. Ukuba bonke abantu
bebenokunxibelelana bebeya kukwazi ukusebenzisana. Bekuya kuba mnandi
ukuphila apha ehlabathini.
Copyright reserved
Please turn over
IsiXhosa Second Language/SG/P1
4
SCE
DBE/2014
7
Ukhe ucinge ngezikrelemnqa nezaphuli-mthetho? Ngaba beziya kuthini xa
bezinokuthi zisacela omnye umntu ukuba azincedise suka lowo ucelwayo
azilungise azibonise ubugwenxa besenzo eso? Amagqugula obubi
ebengasokuze abe nampumelelo. Ulwaphulo-mthetho lugabadele kuba
akukho lunxibelelwano. Izinto engezilungiswa ngomlomo zilungiswa
ngembumbulu, izikhali okanye umnquma. Asibobuntu obo. Unxibelelwano
ngundoqo.
8
Unxibelelwano masilwenze lusebenzele ukwakha thina. Xa sisakhana
singakwazi ukwakha isizwe.
[Sicatshulwe kwiGrama nolwimi, incwadi yomfundi nguMbokodi nabanye, iphepha 118-119
yaze yalungiselelwa olu viwo.]
1.1
Emva kokufunda esi sicatshulwa ungathi yintoni unxibelelwano, ngegama nje
elinye? Jonga kumhlathi wokuqala.
(1)
Ngabantu abanjani abanxibelelanayo ngokwenkcazo yombhali kumhlathi
woku-1?
(2)
1.3
Banxibelelana ngantoni abantu abasoloko bekunye? Jonga kumhlathi woku-1.
(1)
1.4
Inkonzo ivezwa njengendawo engenalucalucalulo. Ngqina oku ngokuthi
ucaphule umqolo obonisa oko kulo mhlathi wesi-2.
(1)
Loluphi udidi lwabantu olunokufundisa ngcono ngesi sifo se-Aids? Jonga
kumhlathi wesi-3.
(2)
1.6
Kuthetha ukuthini xa kusithiwa 'mayingabi yinto yakwamkhozi?'
(2)
1.7
Chaza babe bathathu abantu ekufuneka bekhona kunxibelelwano ukuze
luphumelele. Jonga kumhlathi wesi-4.
(3)
1.2
1.5
1.8
Kukuthini ukuqhuba amatakane? Khetha impendulo eyiyo apha ngezantsi.
A
B
C
Kuxa uxakene namatakane endleleni uwasa edlelweni.
Kuxa umntu eshushu kakhulu de afumane ubunzima bokuhamba
gosogoso endleleni.
Kuxa uvalela amatakane ebuhlanti.
1.9
Nika ELINYE igama lesi sifo i-Aids.
1.10
Yiyiphi inxaxheba enokuthathwa
ngokomhlathi wesi-5?
1.11
1.12
(1)
(1)
ngabantwana
ekwakheni
ikhaya
(2)
Ngokwalapha kulo mhlomlo sithini isikhalo sabazali ngabantwana
ze abantwana bona bakhalazele ntoni ngabazali? Jonga kumhlathi wesi-4.
(2)
Nika izinto zibe MBINI ezizalwa lunxibelelwano? Jonga kumhlathi wesi-5.
(2)
Copyright reserved
Please turn over
IsiXhosa Second Language/SG/P1
1.13
1.14
1.15
5
SCE
DBE/2014
Khawutolike eli binzana likumhlathi wesi-6 ngesiXhosa 'a person must be self
sufficient'.
(2)
Umbhali usivezela cebo lini ngolwaphulo-mthetho nonxibelelwano ukuze
amagqugula obubi angaphumeleli? Jonga kumhlathi wesi-7.
(2)
Kukuthini ukulungisa into:
1.15.1
1.15.2
1.15.3
1.15.4
Ngomlomo
Ngembumbulu
Izikhali
Umnquma
(2)
(2)
1.16
Yintoni enokwakhiwa ngabantu xa besebenzisana? Jonga kumhlathi wesi-8.
1.17
Chaza ukuba le ntetho ilandelayo Yinyani okanye Asiyonyani.
1.18
1.17.1
Ukuthula kuyazilungisa izinto.
1.17.2
Umntu ngumntu ngabanye.
1.17.3
Ulwaphulo
mthetho
konxibelelwano.
lugabadele
ngenxa
(2)
yokungabikho
(3)
Khawubonise abazali nolutsha lwanamhlanje ngendlela abanokusombulula
ngayo iingxaki ezikhoyo, bayeke ukutyholana, uyame kakhulu kunxibelelwano
ngezivakalisi nje ezibini.
(2)
AMANQAKU ECANDELO A:
35
Copyright reserved
Please turn over
IsiXhosa Second Language/SG/P1
6
SCE
DBE/2014
ICANDELO B: ISISHWANKATHELO
UMBUZO 2
Funda esi sicatshulwa silandelayo, wandule ushwankathele ngamazwi
iingongoma eziphambili.



akho
Bhala iingongoma zakho zibe zizivakalisi ezipheleleyo ngamagama angadlulanga
kuma-40.
Bhala izivakalisi ezichanekileyo, ubhale ngamazwi akho.
Bhala
inombolo
yamagama
asetyenzisiweyo
kwizibiyeli
ekupheleni
kwesishwankathelo.
QAPHELA: Uza kohlwaywa xa uyityeshele le miyalelo ingasentla.
ULUTSHA NGUMQOLO WESIZWE
1. Amaciko adla ngokuthi xa ethetha, ukuba ubani ufuna ucwambu lwesizwe
makalukhangele kubantu abatsha. Kude kubekho nenkolo yokuba abantu abatsha
baziinkokheli zangomso. Kungesi sizathu ke le nto ulutsha kubonakala ngathi
lubekwe esweni nasentendeni yesandla. Uthi kutheni wena le nto ulutsha lude
lunikwe
nethuba
lokumela
amalungelo
alo
ngurhulumente?
Kaloku
kunkcenkceshelwa izithole ukuze zikhule, zimil`iingcambu, zime zithi gomololo
naxa sekuvuthuza imimoya.
2. Xa umtsha ke uthi ube namaphupha neminqweno emininzi. Imfundo ke kuphela
kwebhulorho enokuthi ikuwezele empumelelweni. Akubi lula ke kambe; zikho
kaloku izigingqi nezabatha ezibuthume endleleni nezithi zimphazamise umfundi
esajonge phambili njalo. Ukuba ke usisiyatha uya kushiyeka ufumbethe amaduna
namathokazi.
3. Kwiingxaki ezithi ziphazamise ulutsha singabalula uxinzelelo loo ntangandini;
ukufuna ukwamkeleka kubahlobo; ukufuna ukungcamla izinto lingekafiki ixesha
loko; iziyobisi, utywala nesifo uGawulayo. Zonke ezi zinto zingakhokelela ekubeni
umnt`omtsha azibhaqe sele ephuncukwa yingqeqesho yekhaya lakhe, aqale
ukuhamba iindibano zolonwabo.
4. Abafundi ke bona batsho bafumane ukuphazamiseka mpela esikolweni. Kulapho
ke athi afunde khona ukungcamla zonke izinto de aye kutshona kwazembe
litshona nomphini. Xa ezithethelela ke urheme uya kumva esithi, 'ndidl`ubutsha
bam!', bambi ubeve besithi, 'bubom sana!' Kweso sithuba utsho uqikelele ke ukuba
amaphupha nezifungo zinokuba zisabekwe bucala. Ayabhanga kaloku amaphupha
xa uzihlobanisa nebhotile, xa uzibhubhisa ngeziyobisi naxa ungu`Bubele` okanye
u`Nobubele` ohamba encuma de abelane ngesondo naye wonke umntu odibana
naye.
Copyright reserved
Please turn over
IsiXhosa Second Language/SG/P1
7
SCE
DBE/2014
5. Siba krakra ke isiphumo sayo yonke le nto. Ufunda isifundo esibuhlungu, ushiyeke
uzisola ngobuyatha.
6. Bakho kaloku abo basawufumbetheyo amaphupha abo. Bona bazimisele ukufunda
kuba bayazi ukuba ixesha lokonwaba liyeza xa sele umntu eziphangalela.
7. Kulungile ke ukuhamba iindibano zolutsha kuba kulapho ufunda khona izinto
ezininzi ezakhayo. Uluntu ngokubanzi lunoxanduva olukhulu lokuzama ukusindisa
abantu abatsha kumagongqongqo aqwengayo eli lizwe.
[Ithatyathwe ku-Ukhanyo, nguF. Sotashe nabanye yaza yalungiswa, iphepha 103]
AMANQAKU ECANDELO B:
Copyright reserved
Please turn over
10
IsiXhosa Second Language/SG/P1
8
SCE
DBE/2014
ICANDELO C: IGRAMA NOKUSETYENZISWA KOLWIMI
UMBUZO 3
3.1
Funda lo mhlathana ulandelayo wandule ukuphendula imibuzo esekelwe
kuyo.
Iindaba kuNcuthu FM.
'Ixesha ngoku yintsimbi yesibhozo. Niphulaphule uNcuthu FM. Nazi iindaba
nizifundelwa nguSibonokuhle Ngoza, molweni emakhaya.
Amapolisa amaxhaphetshu akhangela umkhondo womntu oquqa ebuyelela
ebulala abantwana nabantu abadala kwilali yaseCofimvaba, phesheya
kweNciba eMpuma Koloni. Oonobalisa bathi kukhatywa nje ucango aze
umbulali alahle ngomkhonto kwezo ndwadunge zingakwazi nokuzilwela.
Abamelwana babizwa ligazi elimpompoza emnyango batsho besithi abeva
nesikhalo xa isenzeka le nto kuba istayile asisebenzisayo singumahluko.
Ipolisa laseBhayi lidubule labulala umfazi nabantwana balo ababini laza
lahlanza iselwa kulo emva kwesi sihelegu ngokuthi lizifake imbumbulu
entloko. Akufunyanwanga mbalelwano. Oyena mntu uyaziyo yonke le nto
lipolisa eli. Amapolisa kaRhulumente akazoncutshe ncam ekuphandeni
imicimbi enje ngale.
Imvumikazi uZahara odume ngelizwi elimnandi naye unjengoosaziwayo
beli abafana nooBrenda Fasi nooLetta Mbuli. Akathanga phithi yihombo
nezinto zeli hlabathi uyacula qha qwaba ke.
Mawethu ziyaguqa apho ezi ndaba. Phulaphulani ezilandelayo ngentsimbi
yokuqala emva kwemini. Obenani nguMaNkomo, makube chosi kube hele.
Dwelisa ezi zibizo zikrwelelwe umgca ngaphantsi kwisicatshulwa, uze uxele
isimaphambili sesibizo ngasinye nehlelo laso. Cwangcisa impendulo yakho
ngolu hlobo:
3.1.1
3.1.2
3.2
3.3
Isibizo
Umz. Iindaba
Amapolisa
Umfazi
Isimaphambili
iin------
Ihlelo
10
-------
(4)
Xela udidi lwesichazi elifumaneka kulo mqolo ukrwelelwe umgca ngaphantsi
kwesi sivakalisi:
Amapolisa amaxhaphetshu akhangela umkhondo womntu oquqa ebuyelela
ebulala abantwana nabantu abadala kwilali yaseCofimvaba …
(1)
Sesiphi isixando esivezwa leli gama kukhatywa?
(1)
Copyright reserved
Please turn over
IsiXhosa Second Language/SG/P1
3.4
9
SCE
DBE/2014
Nika amagama amkelekileyo esiXhoseni endaweni yamagama abhalwe
ngqindilili ngaphantsi.
Bafondini niyawabona la matopi namagriza indlela abacula ngayo kamnandi
awunakutsho ukuba badala.Bafanele benziwa yinyhuku le banayo.
Beka impendulo yakho ngolu hlobo:
3.4.1
3.4.2
3.5
3.6
3.7
3.8
Igama lemboleko
Amatopi
Yinyhuku
ngokwesiXhosa
-----------------
(2)
Abona bantwana baculayo ngaba banxibe mnyama.
3.5.1
Ingaba yintoni eshiywe kwisibizo esibhalwe ngqindilili ngentla?
(1)
3.5.2
Iyintoni unobangela wokushiywa kwayo?
(1)
Sibonakalisa ntoni isimamva u-kazi kweli gama?
UTitshalakazi uhambile namhlanje.
(1)
Chaza uhlobo lwesivumelanisi ngasinye kwezi zibhalwe ngqindilili.
3.7.1
Le ndumasi iyazithanda iinwele zayo.
3.7.2
Uyazithanda ke khona lo mntwana.
(2)
Senze msebenzi mni isichazi esibhalwe ngqindilili kweli binza lilandelayo:
Ngelizwi elimnandi
3.9
Igama elithi, njengosaziwayo lisetyenziselwe
impendulo echanekileyo kwezi zilandelayo:
A
B
C
3.10
(1)
injongo
ethile.
Khetha
Ukufanisa
Ukumntwisa
Ukukweka
(1)
Kwisivakalisi,'Phulaphulani ezilandelayo ngentsimbi yokuqala emva kwemini'
Chonga igama elisetyenziswe njengesiyaleli kwesi sivakalisi.
Copyright reserved
Please turn over
(1)
[16]
IsiXhosa Second Language/SG/P1
10
SCE
DBE/2014
UMBUZO 4
Zalisa izikhewu ezishiywe kwezi zivakalisi zilandelayo ngokufakela ezi zifanekiso zwi:
Khetha kwezi zikwizibiyeli (yaka,tu,manga,khutse).
4.1
4.2
Abamelwane bakaZahara babethule---- bebona inkqubela phambili yomzi
ontsundu.
Bathi--- xa bembona ephuma kumabonakude.
(1)
(1)
[2]
UMBUZO 5
Bhala isivakalisi esilandelayo kodwa usiqale ngo-Izolo.
5.1
… silala singatyanga kodwa namhlanje siphakamile ngomgangatho.
Dibanisa ezi zivakalisi zibini zibe sisivakalisi esinye ngokusebenzisa esi
sihlanganisi: (nangona)
5.2
Abantwana
nemfundo.
babeyithanda
imfundo.
Babengenamali
(1)
yokuqhubekeka
(1)
[2]
UMBUZO 6
Kukuthini ukulala:
6.1
Ngandletyana nye
(1)
6.2
kobandayo
(1)
[2]
UMBUZO 7
Khawakhe izaci okanye amaqhalo ngala magama abhalwe ngqindilili kule miqolo
ilandelayo.
7.1
Yasuka inkungu kuZahara mhla wacula, ngoku into eninzi uyazenzela.
7.2
Wayeka umlomo
evunyiweyo.
ukuxweba
kusapho
lwakhe
mhla
waba
(1)
yimvumi
(1)
[2]
UMBUZO 8
Bhala isinciphiso segama elibhalwe ngqindilili.
Abamelwane bakaZahara babefudula bezizityeba mva ezinqola intaba.
Copyright reserved
[1]
Please turn over
IsiXhosa Second Language/SG/P1
11
SCE
DBE/2014
UMBUZO 9
Funda umhlathana olandelayo uze ulungise iziphene ezikumagama abhalwe bukekela
ngokuthi ufakele oonobumba abakhulu, iziphumlisi, ufakele okanye ushiye
okungafanelekanga. Bhala amagama alungisiweyo kuphela.
Ithi imbali kwelinye ilizwe kwakukho inkosi eyayibathanda kakulu abantu
bayo.Yayikhathazeka xa kuthe kwakho abantu abagwetyelwa intambo, ngenxa yezono
zabo. Lenkosi yagqiba ekubeni isipelise isigwebo setambo. Yawisa umthetho wokuba
wonke umntu owonileyo makakhethe ilungu lomzimba emalisuswe, kukho amehlo,
iingalo, idlanza okanye imilenze.Umuntu wokuqala owonayo emva kokuba kuwiswe lo
mtetho, wakhetha ukuba akhutshwe amehlo. Wayesithi ngawo la ayemenza abone
izinto atsho one. Wayekholelwa ekubeni wayenokuphila lula nokuba amehlo akanawo.
Wayesithi zibalulekile kakhulu iigalo neenyawo. Ngokwenene akhutshwa amehlo.
baqala banzima ubomi kulomntu. Kwakuba lusizi ukumbona enethwa ziimvula
nazizichotho ecaleni kwendlu.
AMANQAKU ECANDELO C:
AMANQAKU EWONKE:
Copyright reserved
[10]
35
80